Eyeziqalo 33:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Akusinga-singa uEsawu, wabona abo bafazi nabo bantwana, wabuza wathi: “Ngoobani aba uhamba nabo?”“Mhlekazi, ngabantwana endibaphiwe nguThixo,” utshilo uYakobi.

6. Eza amaqadi nabantwana bawo, afika akhahlela.

7. Kwalandela uLeya nabakhe abantwana, kwaza kwagqibela uJosefu noRakeli, nabo bakhahlela.

8. UEsawu uthe: “Yona laa mihlambi ndihlangene nayo endleleni?”Uthe ukuphendula uYakobi: “Bendiyithumela ukuza kundicengela kuwe, mhlekazi.”

9. Uthe uEsawu: “Ndinemfuyo ngokwaneleyo, mfo wethu; gcina izinto zakho.”

10. UYakobi wathi: “Ndincede, zithathe ukuba uyasamkela isicengo sam. Xa ndibona ubuso bakho, ngathi ndibona ubuso bukaThixo, ingakumbi ngoku sowundamkele ngobubele.

Eyeziqalo 33