Eyeziqalo 33:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. UYakobi wayengaphambi kwabo, ekhahlela kwada kwakasixhenxe njengokuba wayesiya esondela kumntakwabo.

4. UEsawu wakhawuleza ukuya kuye, waziphosa kuye, wamgona, wamanga. Balila bobabini.

5. Akusinga-singa uEsawu, wabona abo bafazi nabo bantwana, wabuza wathi: “Ngoobani aba uhamba nabo?”“Mhlekazi, ngabantwana endibaphiwe nguThixo,” utshilo uYakobi.

6. Eza amaqadi nabantwana bawo, afika akhahlela.

7. Kwalandela uLeya nabakhe abantwana, kwaza kwagqibela uJosefu noRakeli, nabo bakhahlela.

8. UEsawu uthe: “Yona laa mihlambi ndihlangene nayo endleleni?”Uthe ukuphendula uYakobi: “Bendiyithumela ukuza kundicengela kuwe, mhlekazi.”

9. Uthe uEsawu: “Ndinemfuyo ngokwaneleyo, mfo wethu; gcina izinto zakho.”

Eyeziqalo 33