Eyeziqalo 33:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. Wathi uEsawu: “Xa kunjalo ke makushiyeke namanye amadoda kula ndihamba nawo.”Kodwa wathi uYakobi: “Hayi, akukho mfuneko; kwanele xa ndamkelekile kuwe.”

16. Wanduluka ke ngaloo mini uEsawu ukusinga e-Edom.

17. Kodwa yena uYakobi wenjenjeya esiya eSukoti. Apho wazakhela indlu, nemihlambi yakhe wayenzela uthango. Yiyo loo nto loo ndawo kuthiwa yiSukoti.

18. Ekubuyeni kwakhe ePadan-aram, uYakobi wahamba kakuhle, waya kufika kwidolophu iShekem kwelaseKanana, wamisa apho kufuphi nedolophu leyo.

19. Wawuthenga loo mhlaba kubazukulwana bakaHamore uyise kaShekem ngekhulu leesiliva.

20. Wenza iqonga lamadini apho, wayithiya loo ndawo ngoThixo, uThixo wamaSirayeli.

Eyeziqalo 33