Eyeziqalo 31:20-39 Ibhayibhile (XHO96)

20. UYakobi yena wamkhohlisa uLabhan ngokungamazisi uLabhan ukuba uyemka.

21. Wathatha konke okwakhe, wemka ngokungxama. Waya kuwela umlambo iEfrati, wenjenjeya ejonge kweleenduli eGiliyadi.

22. Emva kweentsuku ezintathu uLabhan weva ukuba uYakobi ubalekile.

23. Wahamba nezihlobo zakhe, basukela iintsuku zada zasixhenxe, bamfumana kwezo nduli zeGiliyadi.

24. Ngobo busuku uThixo wavela ngephupha kuLabhan, wathi: “Uze ulumke, ungathethi nto kuYakobi konke, nenjani na.”

25. ULabhan wafika uYakobi emise kwezo nduli zeGiliyadi, waza yena namadoda awayehamba nawo wemisa kwalapho.

26. ULabhan wathi kuYakobi: “Yintoni le uyenzileyo? Kutheni undikhohlisa nje, ude uqhube neentombi zam oku kwabathinjwa emfazweni?

27. Kutheni le nto usuka uzimele, ungatsho xa umkayo? Ukuba ubuxelile ngendikukhulule kakuhle, wenzelwa iingoma ngamagubu nangeehapu.

28. Akukhange undinike nethuba lokuba khe ndange abazukulwana bam neentombi zam, ndithi ndlela-ntle kubo. Hayi noko, bubudenge into oyenzileyo!

29. Ndingakwenza into embi ngoku. Kodwa phezolo uThixo kayihlo uthe ze ndingathethi nto kuwe.

30. Ndiyazi ukuba umkiswe kukukhumbula ikhaya, kodwa ke uyibele ntoni yona *imilonde-khaya yam?”

31. Uthe uYakobi: “Ndoyike ukuba undihluthe iintombi zakho.

32. Kodwa ke ukuba kukho umntu apha onayo imilonde-khaya yakho, maze abulawe lowo. Ngoku sikhoyo sonke khangelani nantoni na eyeyenu, niyithathe.” UYakobi wayengazi ukuba imilonde-khaya kaLabhan ibiwe nguRakeli.

33. ULabhan waya kukhangela ententeni kaYakobi, wadlulela nakwekaLeya, waya nakweyeempelesi zeentombi zakhe, akafumana nto apho. Wesuka apho waya ententeni kaRakeli.

34. URakeli wayeseleyithathile imilonde-khaya wayifaka engxoweni, wahlala phezu kwayo. Wakhangela wagqogqa yonke indawo uLabhan, akayifumana noko.

35. URakeli uthe kuyise: “Akuyi kukhathazeka, mhlekazi, xa ndingasukumiyo. Kaloku ndiya exesheni.” Wagqogqa uLabhan, wabuya ze nalapho engayifumananga imilonde-khaya yakhe.

36. UYakobi wangcangcazela ngumsindo, wathi: “Uthi yintoni le imbi ndiyenzileyo? Mthetho wuphi lo ndiwaphuleyo ukugunyazisa ukuba uzingelane nam?

37. Kukho nto yendlu yakho oyifumeneyo apha wakugqiba ukugqogqa umzi wam? Yirhole ibonwe ngala madoda uhamba nawo nala am, khon' ukuze alathe oyena wonileyo: indim, inguwe.

38. “Bendihleli nawe iminyaka engamashumi mabini. Ngalo lonke elo xesha bezizala rhoqo iibhokhwe zakho, yaye andizange nditye nanye igusha yakho.

39. Bendisoloko ndiyihlawula igusha nganye eqwengwe zizilwanyana. Andizange ndize nayo kuwe ndisithi asilotyala lam. Wawudla ngokuthi mandibuyise yonke into ebiweyo, nokuba kusemini, nokuba kusebusuku.

Eyeziqalo 31