37. UYakobi wagawula iipali ezisemanzi zepampiri, nezom-almondi, kunye nompleyini. Wazixoza amaxolo, kwavela iindawo ezimhlophe.
38. Wazigxumeka emijelweni kwezo ndawo kusela kuzo imihlambi. Loo nto wayenza kuba iinkunzi zazikhwela xa zize kusela.
39. Ezo mazi zeebhokhwe zazikhwelwa ngaphambi kwezo pali zazala amatakane angcitha.
40. UYakobi wazahlula iigusha ezibhokhweni, wazijongisa ngakweziya zingcitha. Wawenza ngolu hlobo ke owakhe umhlambi, wawahlula kokaLabhan.
41. Xa zikhwelwa iimazi ezomeleleyo, uYakobi wayedla ngokumisa ezo pali phambi kwazo kuloo ndawo yokusela, ukuze zizalele phantsi kwezo pali.
42. Kodwa imigqutsuba wayengayizisi yona phantsi kwezo pali. Kungekudala ekaLabhan imihlambi yaba yile iyimigqutsuba, ekaYakobi yona yaba yile yomeleleyo.
43. Wahluma, watyeba ngaloo ndlela ke uYakobi. Waba nemihlambi emininzi, nezicaka, iinkamela, needonki.