10. Wazala inkwenkwe uZilipha.
11. Wathi uLeya: “Ndisikelelekile.” Wathi ke igama layo nguGadi.
12. UZilipha wazala enye inkwenkwe.
13. Wathi uLeya: “Andisavuyi ngako! Nabanye abafazi baza kuthi ndiyavuya.” Kwathiwa ke loo nkwenkwe nguAshere.
14. Xa kwakuvunwa ingqolowa, uRubhen wafumana imithuma yentando emasimini, wayisa kuLeya unina. URakeli wathi kuLeya: “Khawundiphe emithumeni leyo ifunyenwe ngumntwanakho.”ULeya wathi:
15. “Yho! Hleli nje, kanti akwanelanga kukuhlutha indoda yam! Ngoku selufun' ukundihlutha nemithuma le yomntwanam!”Wathi uRakeli: “Kanti ungalala naye ngokuhlwanje uYakobi, ukuba uyandipha.”
16. Ukufika kukaYakobi, evela emasimini ngokuhlwa, uLeya wamkhawulela, wafika wathi: “Uza kulala nam ngokuhlwanje, kuba ndikuthenge ngemithuma yomntwanam.” Walala noLeya ke ngoko kuhlwa uYakobi.
17. UThixo wayiva imithandazo kaLeya, wakhawula, waphinda wazala enye yesihlanu inkwenkwe.
18. Wathi: “UThixo uyandibuyisela kuba impelesi yam ndiyinikele kumyeni wam.” Wathi ke loo nkwenkwe nguIsakare.
19. Wakhulelwa, waphinda wazala enye inkwenkwe uLeya, eyesithandathu ngoku.
20. Wathi: “UThixo undiphe isipho esihle; umyeni wam kuya kunyanzeleka ukuba andixabise, ndizele amadoda amathandathu nje.” Wathi ke loo nkwenkwe nguZebhulon.
21. Emva koko wazala intombi, wathi yona nguDayina.