Eyeziqalo 30:10-21 Ibhayibhile (XHO96)

10. Wazala inkwenkwe uZilipha.

11. Wathi uLeya: “Ndisikelelekile.” Wathi ke igama layo nguGadi.

12. UZilipha wazala enye inkwenkwe.

13. Wathi uLeya: “Andisavuyi ngako! Nabanye abafazi baza kuthi ndiyavuya.” Kwathiwa ke loo nkwenkwe nguAshere.

14. Xa kwakuvunwa ingqolowa, uRubhen wafumana imithuma yentando emasimini, wayisa kuLeya unina. URakeli wathi kuLeya: “Khawundiphe emithumeni leyo ifunyenwe ngumntwanakho.”ULeya wathi:

15. “Yho! Hleli nje, kanti akwanelanga kukuhlutha indoda yam! Ngoku selufun' ukundihlutha nemithuma le yomntwanam!”Wathi uRakeli: “Kanti ungalala naye ngokuhlwanje uYakobi, ukuba uyandipha.”

16. Ukufika kukaYakobi, evela emasimini ngokuhlwa, uLeya wamkhawulela, wafika wathi: “Uza kulala nam ngokuhlwanje, kuba ndikuthenge ngemithuma yomntwanam.” Walala noLeya ke ngoko kuhlwa uYakobi.

17. UThixo wayiva imithandazo kaLeya, wakhawula, waphinda wazala enye yesihlanu inkwenkwe.

18. Wathi: “UThixo uyandibuyisela kuba impelesi yam ndiyinikele kumyeni wam.” Wathi ke loo nkwenkwe nguIsakare.

19. Wakhulelwa, waphinda wazala enye inkwenkwe uLeya, eyesithandathu ngoku.

20. Wathi: “UThixo undiphe isipho esihle; umyeni wam kuya kunyanzeleka ukuba andixabise, ndizele amadoda amathandathu nje.” Wathi ke loo nkwenkwe nguZebhulon.

21. Emva koko wazala intombi, wathi yona nguDayina.

Eyeziqalo 30