Eyeziqalo 29:25-35 Ibhayibhile (XHO96)

25. UYakobi akazange aqonde ukuba nguLeya lo wayelele naye, kude kwakusasa. Uye kuLabhan uYakobi, wafika wathi: “Yintoni le undenze yona? Bendisebenzela ukufumana uRakeli nje, undiqhathele ntoni?”

26. Uthe uLabhan: “Asilosiko lethu ukwendisa intombi encinci, ingekendi endala.

27. Linda ke khe kudlule le veki yomtshato, ndikwendisele uRakeli ke xa uya kuphinda usebenze iminyaka esixhenxe.”

28. Wavuma ke uYakobi, yathi yakudlula loo veki yomtshato uLabhan wamendisela kuYakobi noRakeli.

29. ULabhan wakhupha isicakakazi uBhiliya waba yimpelesi kaRakeli.

30. Wamambatha uRakeli uYakobi, wamthanda nangaphezu koLeya. Wasebenza eminye iminyaka esixhenxe.

31. Akubona *uNdikhoyo ukuba uLeya akathandwa, wampha inzala, wamvala yena uRakeli.

32. Wakhawula uLeya, wazala umntwana oyinkwenkwe, wathi nguRubhen igama lakhe, kuba wayesithi: “UNdikhoyo ulubonile usizi lwam; ngoku ndiza kuthandwa ngumyeni wam.”

33. Waphinda wazala omnye umntwana oyinkwenkwe, wathi yena nguSimon, esithi: “UNdikhoyo undiphe lo mntwana ngenxa yokuba evile ukuba andithandwa.”

34. Uphinde wazala enye inkwenkwe, wathi le nguLevi, kuba wayesithi: “Ndiya kudityaniswa nendoda yam ngakumbi kuba ndizele amakhwenkwe amathathu.”

35. Uphinde ngenye inkwenkwe kwakhona, wathi yona nguJuda, kuba wayesithi: “Ndiyambonga uNdikhoyo kwesi sihlandlo.” Emva koko wapheza ukuzala.

Eyeziqalo 29