31. Wapheka ukutya okumnandi, naye wakusa kuyise, wathi: “Vuka, tata, utye. Nantsi inyama endikuphathele yona. Uze undisikelele.”
32. “Ungubani wena?” watsho uIsake.“Ndingunyana wakho omkhulu, uEsawu,” utshilo.
33. Wothuka wagubha uIsake.Ubuze wathi: “Ngubani ke lo ubeye kuzingela wandiphathela inyama, ndayitya? Ndisandul' ukugqiba ukuyitya ngaphambi kokuba ungene. Ndiziphelelisele kuye iintsikelelo, kunjalonje ziya kuhlala zizezakhe.”
34. Akuyiva loo nto uEsawu, wakhala kabuhlungu, wathi: “Ndisikelele nam, tata!”
35. Wathi uIsake: “Umninawa wakho undikhohlisile, wemka nazo iintsikelelo zakho.”
36. Uthe uEsawu: “Sekukokwesibini eyenza le nto yokundidla izithende. Yiyo le nto negama lakhe linguYakobi. Kokwesibini ngoku endikhohlisa. Wathatha ilungelo lam lobuzibulo. Ngoku uthatha iintsikelelo zam. Tata, akundigcinelanga ntsikelelo konke na?”
37. Uthe ke uIsake: “Sendimenze inkosi yakho, nezizalwane zakhe zaba zizicaka zakhe. Ndithe uya kuphila ngengqolowa newayini. Yintoni ke ngoko enokuba isasalele wena, mfo wam?”
38. Uthe uEsawu: “Tata, kuphela kwentsikelelo obunayo leyo? Akusekho yimbi? Tata, nam ndisikelele!” Watsho ekhala uEsawu.
39. Wahlabeka uyise, wenjenje:“Wena uya kuba kude lee nenqatha lokuchuma komhlaba;uya kuba kude lee kumbethe ovuza ezulwini.
40. Uya kuphila ngekrele uphantsi komninawa wakho;kambe ke liya kufika ithuba apho uya kudinwa khona,uyaphule loo dyokhwe yakhe isentanyeni yakho.”
41. UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yeentsikelelo awazifumana kuyise. Wadumzela wathi: “Iya kuze ifike yona imini yokuba angabikho utata; ndakuze ndimbulale uYakobi lo.”
42. Akuyixelelwa into ethethwe nguEsawu, uRabheka wabiza uYakobi, wathi kuye: “UEsawu ufuna ukukubulala.
43. Ke, nyana wam, uze wenze le nto ndiza kukuxelela yona. Zimela, ubalekele kumnakwethu uLabhan eHaran.
44. Uze uhlale khona ude udambe umsindo womkhuluwa wakho,