23. Akazange amqonde uYakobi, kuba kaloku izandla zazixhonti njengezikaEsawu. Uthe seleza kumsikelela,
24. wabuya wabuza wathi: “Ngaba ngenene ungunyana wam uEsawu?”Waphendula uYakobi esithi: “Ndinguye.”
25. Uthe ke uIsake: “Zis' apha ke inyama leyo ndikhe nditye, mfo wam. Ndakuthi ke ndakugqiba ukutya, ndikusikelele.” Wamnika ke uYakobi, wamphathela newayini yokuthoba.
26. Uthe ke uyise: “Khawusondele kaloku undange, mfo wam.”
27. Esasondela ukuya kumanga uIsake, waliva ivumba leempahla ezazinxitywe nguYakobi, watyibela ngentsikelelo esithi:“Ngxatsho ke ivumba lonyana wam!Linjengevumba lomhlaba ogalelwe iintsikelelelo nguNdikhoyo.
28. Wanga ke uThixo angakugalela ngombethe,nomhlaba wakho uchume ube linqatha,uvelise nentabalala yengqolowa newayini.
29. Unga ungabuswa zizizwe,neentlanga zikhahlele kuwe.Yiba yinkosi kubantakwenu,ukhonzwe nangabantwana bakanyoko.Mabaqalekiswe abo bakuqalekisayo,basikelelwe abo bakusikelelayo.”
30. UIsake wayesandul' ukusikelela uYakobi, naye esandul' ukusuka kuyise, wagaleleka uEsawu, evela kuzingela.
31. Wapheka ukutya okumnandi, naye wakusa kuyise, wathi: “Vuka, tata, utye. Nantsi inyama endikuphathele yona. Uze undisikelele.”
32. “Ungubani wena?” watsho uIsake.“Ndingunyana wakho omkhulu, uEsawu,” utshilo.
33. Wothuka wagubha uIsake.Ubuze wathi: “Ngubani ke lo ubeye kuzingela wandiphathela inyama, ndayitya? Ndisandul' ukugqiba ukuyitya ngaphambi kokuba ungene. Ndiziphelelisele kuye iintsikelelo, kunjalonje ziya kuhlala zizezakhe.”
34. Akuyiva loo nto uEsawu, wakhala kabuhlungu, wathi: “Ndisikelele nam, tata!”
35. Wathi uIsake: “Umninawa wakho undikhohlisile, wemka nazo iintsikelelo zakho.”
36. Uthe uEsawu: “Sekukokwesibini eyenza le nto yokundidla izithende. Yiyo le nto negama lakhe linguYakobi. Kokwesibini ngoku endikhohlisa. Wathatha ilungelo lam lobuzibulo. Ngoku uthatha iintsikelelo zam. Tata, akundigcinelanga ntsikelelo konke na?”
37. Uthe ke uIsake: “Sendimenze inkosi yakho, nezizalwane zakhe zaba zizicaka zakhe. Ndithe uya kuphila ngengqolowa newayini. Yintoni ke ngoko enokuba isasalele wena, mfo wam?”
38. Uthe uEsawu: “Tata, kuphela kwentsikelelo obunayo leyo? Akusekho yimbi? Tata, nam ndisikelele!” Watsho ekhala uEsawu.
39. Wahlabeka uyise, wenjenje:“Wena uya kuba kude lee nenqatha lokuchuma komhlaba;uya kuba kude lee kumbethe ovuza ezulwini.