Eyeziqalo 25:28-34 Ibhayibhile (XHO96)

28. UIsake wayethanda uEsawu, kuba wayemana emzisela inyama yeenyamakazi. URabheka yena wayethanda uYakobi.

29. Ngamini ithile uYakobi esapheka, wafika uEsawu evela kuzingela. Wayefile yindlala.

30. Wathi kuYakobi: “Mfo, andilambe ngako! Khawundiphe kuloo nto ibomvu uyiphekileyo.” Yiyo loo nto uEsawu ekwabizwa ngokuthi nguEdom.

31. Uphendule wathi uYakobi: “Kulungile, ukuba nje unganikezela ngamalungelo akho obuzibulo.”

32. Uthe uEsawu: “Mfondini, ndiyafa! Buza kundenzela ntoni obu buzibulo uthetha ngabo?”

33. Uthe uYakobi: “Funga kuqala ukuba uza kundinika ubuzibulo.”Wafunga ke uEsawu, enikezela ngobuzibulo bakhe kuYakobi.

34. Wandula ke uYakobi ukumpha isonka nesophu leyo yeentlumayo. Watya, wasela; wasukuma, wemka.Kwakukangako ke ukungawaxabisi kwakhe uEsawu amalungelo akhe obuzibulo.

Eyeziqalo 25