Eyeziqalo 25:10-19 Ibhayibhile (XHO96)

10. Yilaa ntsimi uAbraham wayeyithenge kumaHeti. Wangcwatyelwa apho ke kuloo ndawo wayengcwatywe kuyo uSara umkakhe.

11. Akubhubha uAbraham, uThixo wamthamsanqelisa uIsake unyana wakhe owayemi ngasemthonjeni kaPhila-endibonile.

12-13. Naba oonyana bakaIshmayeli unyana ka-Abraham owazalwa nguHagare umJiputakazi owayesisicakakazi sikaSara. Badweliswe ngokuvela kwabo. NguNebhayoti, noKedare, noAdebhele; uMibhesam,

14. uMishma, noDuma, noMasa;

15. uHadadi, noTema; uJeture, noNafishe, noKedama.

16. Ngoonyana bakaIshmayeli ke abo, izizwana ezilishumi linambini. Iilali zabo nezikhululo zabo zathiywa ngamagama abo.

17. UIshmayeli wabhubha enekhulu linamashumi mathathu anesixhenxe ubudala.

18. Isizukulwana sakhe saya kuma kulaa mhlaba uphakathi kweHavila neShure, ngasempumalanga yeJiputa xa ujonge eAsiriya. Babemi bethe geqe kwabanye abazukulwana baka-Abraham.

19. Nanga amagqabantshintshi ngoIsake unyana ka-Abraham.

Eyeziqalo 25