Eyeziqalo 24:7-13 Ibhayibhile (XHO96)

7. NguNdikhoyo uThixo wezulu nomhlaba ngokwakhe owandisusa kwilizwe lakowethu, naphakathi kwezizalwane zam, wandithembisa efunga ukuba lo mhlaba uya kumiwa ngabazukulwana bam. Nguye oya kuthumela isithunywa sakhe apho, ungekafiki wena. Ke wofika apho uyifumane intombi eyoba ngumfazi wonyana wam.

8. Ukuba ke loo ntombi ayifuni kuza kweli lizwe, woba ke ukhululekile wena kwesi sifungo. Kodwa nokuba sekutheni, uzungakhe ulinge ukumsa kwelo zwe unyana wam.”

9. Sasenza ke isifungo saso isicaka, sithembisa ukwenza loo nto asiyalela yona uAbraham.

10. Induna ka-Abraham yahamba neshumi leenkamela, yaphatha neendidi ngeendidi zezipho. Yanduluka ukuya kwisixeko esasiseAram-narayim apho wayemi khona uNahore.

11. Yafika ukutshona kwelanga apho, ngexesha kanye iintombi ziya kukha amanzi. Iinkamela yaziphumza ngakumthombo owawusekungeneni kwesixeko eso.

12. Wathandaza loo mfo wathi: “Ndikhoyo, Thixo wenkosi yam uAbraham, khawundincede namhlanje usikhumbule isithembiso owasenza kuAbraham.

13. Naku ndilapha ngakulo mthombo, apho iintombi zalapha zikha khona amanzi.

Eyeziqalo 24