Eyeziqalo 24:37-44 Ibhayibhile (XHO96)

37. Inkosi yam uAbraham yathi mandifunge ukuba andiyi kumthathela umfazi unyana wakhe phakathi kweentombi zaseKanana apho akhoyo.

38. Wathi kufuneka ndiye kowabo, ndimthathele umfazi unyana wakhe phakathi kwezizalwane zakhe.

39. Ndathi ke mna kuye: ‘Ukuba loo ntombi ayifuni kumka kowayo, ze ndithini?’

40. Wathi yena uNdikhoyo amkhonzayo wothumela isithunywa sakhe phambi kwam, khon' ukuze uphumelele umcimbi endiwuhambelayo. Mna kufuneka ndithathe umfazi kowabo, phakathi kwezizalwana zakhe.

41. Wathi ukuba ndiyenzile loo nto, zaza izizalwana zakhe azavuma ukundinika intombi yazo, ndoba ke mna ndikhululekile esifungweni sam.

42. “Ndithe ke ndakufika kulaa mthombo namhlanje, ndamcela uNdikhoyo uThixo wenkosi yam uAbraham ukuba ze lo mcimbi ndiwuhambeleyo uphumelele.

43. Ndathi: ‘Ndim lo, ndimi apha ngakulo mthombo. Ze kuthi ke xa kukho ntombi ifikayo apha, ndithi ndakucela amanzi

44. indiphe, ivume ukuseza neenkamela zam, ndiya kuqonda ngaloo nto ke ukuba yile uyikhethele unyana wenkosi yam.’

Eyeziqalo 24