Eyeziqalo 23:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. wathi: “Ukuba niyavuma ndimngcwabe apha umfikazi, ndiceleleni kuEfron unyana kaZoware

9. ukuba andithengisele laa mqolomba useMakapela; nankuya emdeni womhlaba wakhe. Ze nithi makandinike ngexabiso lawo, ukuze ndiwuthenge, ndingcwabe kuwo.”

10. UEfron wayehleli namanye amaHeti enkundleni yembizo yedolophu kuthe nqwadalala. Wenjenje ukuphendula, eviwa ngumntu wonke owayelapho:

11. “Hayi, mhlekazi, mandithi ndiyakunika laa mhlaba ndawonye naloo mqolomba ulapho. Loo nto ndiyithetha apha phambi kwamawethu, la athe thande apha; ndithi ndiyakunika laa mhlaba wakuthi; ungamngcwaba khona umfikazi.”

12. UAbraham wakhahlela kubantu balapho.

13. Waza wathi kuEfron, eviwa ngumntu wonke: “Ndiyakucela, ndiphe indlebe! Ndiza kukunika ixabiso lemali yalaa mhlaba. Yithathe le mali, ukuze nam ndixole, ndingcwabe khona umfikazi.”

14. Uthe uEfron:

15. “Mhlekazi, laa mhlaba ziisiliva ezimakhulu mane kuphela; asinto loo nto kuwe nakum. Hamba uye kumngcwaba umkakho.”

16. UAbraham wavuma, waza wayibala loo mali yayifunwa nguEfron apho phambi kwabantu. Yaba ngamakhulu amane eesiliva ngokomlinganiselo wabarhwebi.

19. UAbraham wamngcwaba ke umkakhe uSara kuloo mqolomba eMakapela ngaseMamre eseHebron kwelaseKanana.

20. Loo mhlaba ke owawungowamaHeti kunye naloo mqolomba waba ngoka-Abraham, wangcwabela kuwo.

Eyeziqalo 23