10. UEfron wayehleli namanye amaHeti enkundleni yembizo yedolophu kuthe nqwadalala. Wenjenje ukuphendula, eviwa ngumntu wonke owayelapho:
11. “Hayi, mhlekazi, mandithi ndiyakunika laa mhlaba ndawonye naloo mqolomba ulapho. Loo nto ndiyithetha apha phambi kwamawethu, la athe thande apha; ndithi ndiyakunika laa mhlaba wakuthi; ungamngcwaba khona umfikazi.”
12. UAbraham wakhahlela kubantu balapho.
13. Waza wathi kuEfron, eviwa ngumntu wonke: “Ndiyakucela, ndiphe indlebe! Ndiza kukunika ixabiso lemali yalaa mhlaba. Yithathe le mali, ukuze nam ndixole, ndingcwabe khona umfikazi.”
14. Uthe uEfron:
15. “Mhlekazi, laa mhlaba ziisiliva ezimakhulu mane kuphela; asinto loo nto kuwe nakum. Hamba uye kumngcwaba umkakho.”
16. UAbraham wavuma, waza wayibala loo mali yayifunwa nguEfron apho phambi kwabantu. Yaba ngamakhulu amane eesiliva ngokomlinganiselo wabarhwebi.