Eyeziqalo 23:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. USara uhleli wade wanekhulu elinamashumi amabini anesixhenxe ubudala.

2. Ubhubhele eKiriyati-arbha, ekuthiwa yiHebron, kwelaseKanana. Waba buhlungu uAbraham, wamzilela umkakhe.

3. UAbraham wesuka apho wafela khona umkakhe, waya kumaHeti. Ufike wathi kubemi balapho:

4. “Ndingumfiki nomhambi apha; ndinikeni indawo apho ndingamngcwabela khona umkam.”

5. Athe ukuphendula uAbraham amaHeti:

6. “Phulaphula, mhlekazi, kuthi uyinkosi. Siyakukhululela; ungamngcwaba umfikazi kweyona ndawo uyithandayo.”

7. Waphakama uAbraham, wakhahlela kumaHeti,

8. wathi: “Ukuba niyavuma ndimngcwabe apha umfikazi, ndiceleleni kuEfron unyana kaZoware

9. ukuba andithengisele laa mqolomba useMakapela; nankuya emdeni womhlaba wakhe. Ze nithi makandinike ngexabiso lawo, ukuze ndiwuthenge, ndingcwabe kuwo.”

10. UEfron wayehleli namanye amaHeti enkundleni yembizo yedolophu kuthe nqwadalala. Wenjenje ukuphendula, eviwa ngumntu wonke owayelapho:

11. “Hayi, mhlekazi, mandithi ndiyakunika laa mhlaba ndawonye naloo mqolomba ulapho. Loo nto ndiyithetha apha phambi kwamawethu, la athe thande apha; ndithi ndiyakunika laa mhlaba wakuthi; ungamngcwaba khona umfikazi.”

12. UAbraham wakhahlela kubantu balapho.

13. Waza wathi kuEfron, eviwa ngumntu wonke: “Ndiyakucela, ndiphe indlebe! Ndiza kukunika ixabiso lemali yalaa mhlaba. Yithathe le mali, ukuze nam ndixole, ndingcwabe khona umfikazi.”

Eyeziqalo 23