Eyeziqalo 22:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. Siphindile savakala sithetha ezulwini isithunywa, sisithi kuAbraham:

16. “Uthi uNdikhoyo: ‘Mna ngokwam ndiyafunga; ndithi ngenxa yale nto uyenzileyo, akwala ukuncama intandane ekuphela kwayo,

17. ndiza kukuthamsanqelisa kanobom, ndikuphe inzala eninzi, ibe ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni nentlabathi eselunxwemeni lolwandle ubuninzi bayo. Abazukulwana bakho boyithimba imihlaba yeentshaba zabo.

18. Zonke izizwe emhlabeni zothamsanqeliswa ngenzala yakho. Iyonke loo nto kungenxa yokundithobela kwakho.’ ”

19. UAbraham wabuyela kwizicaka zakhe, bonke baphindela eBheshebha apho waba ngummi khona.

Eyeziqalo 22