Eyeziqalo 20:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kodwa ke mbuyisele kumyeni wakhe ngoku lo mfazi. *Ngumshumayeli laa mfo; uya kunithandazela nisinde. Kodwa ukuba akumbuyiseli umkakhe, ngenene uya kuba lilifa lokufa kunye nabantu bakho bonke.”

8. Wavuka kwangentseni uAbhimeleki, wazibiza zonke izicaka zakomkhulu, waza wazilawulela iphupha lakhe. Othuka kakhulu loo madoda.

9. UAbhimeleki ubize uAbraham, wathi kuye: “Yintoni le nto usenza yona? Ndakwenza ntoni le nto undizisela ishwangusha elingaka kunye nabantu bam? Wenze into engenziwayo ke kambe.

10. Bekutheni ukuze wenze into enje?”

11. Uthe uAbraham: “Ndibe akukho mntu umoyikayo kweli lizwe uThixo, ndaba ke ndingábulawa apha ngenxa yomkam.

12. Únguye udade wethu ngenene. Singabantwana bendoda enye, nakuba sahlukile ngoomama. Ngumkam noko kunjalo.

13. Uthe akundindulula kwilizwe loobawo uThixo, ndathi kumkam uya kubonakala ukuba uyandithanda ngokuthi ebantwini ungudade wethu.”

14. UAbhimeleki wambuyisela kuAbraham uSara, wabuya wamnqoma ngeegusha neenkomo, wamnika nezicaka.

15. Wathi kuAbraham: “Ngumhlaba wam lo; ungema apho uthanda khona.”

Eyeziqalo 20