1. UAbraham wafuduka kwelo lizwe, wajonga emazantsi eKanana, apho wafika wamisa khona phakathi kweKadeshe neShure. Waya kutsho naseGerare,
2. wafika wathi apho uSara ngudade wabo. Ukumkani walapho, uAbhimeleki, wathi uSara makasiwe komkhulu.
3. Kodwa uThixo wavela kuAbhimeleki ephupheni, wathi: “Abhimeleki, usisisulu sokufa, ngenxa yokuba lo mfazi umthathileyo ngumka-mtu.”
4. UAbhimeleki ke wayengekamambathi uSara, waza wathi: “Mhlekazi, ungathini ukutshabalalisa isizwe esingenatyala?
5. Andibi kanene yilaa ndoda ngokwayo ethe kum ngudade wayo lo, waza naye wathi ingumnakwabo? Le nto ndiyenze ndingenasazela, yaye andonanga bani.”
6. Uphendule uThixo kwasephupheni apho: “Ewe, ndiyazi ukuba le nto uyenze ungenabubi konke. Yaye ikwandim lo okuncedileyo ukuba ungandoni; yiyo loo nto ndingakuvumelanga ukumambatha.
7. Kodwa ke mbuyisele kumyeni wakhe ngoku lo mfazi. *Ngumshumayeli laa mfo; uya kunithandazela nisinde. Kodwa ukuba akumbuyiseli umkakhe, ngenene uya kuba lilifa lokufa kunye nabantu bakho bonke.”
8. Wavuka kwangentseni uAbhimeleki, wazibiza zonke izicaka zakomkhulu, waza wazilawulela iphupha lakhe. Othuka kakhulu loo madoda.
17-18. Ngenxa yale nto yehlela uSara, uThixo wabavala bonke abafazi bakomkhulu, ababi nanzala. UAbraham ke wathandazela uAbhimeleki kuThixo, waza wamphilisa uThixo. Kwaphila nomkakhe kunye nezicakazana zakhe, bonke bakhululeka.