8. Lo mhlaba ungumfiki kuwo, ndiza kukunika wona uwume kunye nenzala yakho. Wonke umhlaba waseKanana uya kumiwa yinzala yakho ngalo lonke ixesha, mna ndibe nguThixo wabo.”
9. Waqokela wathi uThixo kuAbraham: “Nawe ke, kwakunye nenzala yakho ngokunjalo, ze niwugcine umnqophiso wam nakwizizukulwana ezizayo.
10. Nantsi into emaniyenze nina ukuwugcina kwenu umnqopiso wam: Wena kufuneka waluke, kwaluke lonke iduna phakathi kwabantu bakho.
13. Makwaluke wonke umntu, oyinzalelwane kwanothengiweyo, ube ngumqondiso obonakalayo lowo wokuba umnqophiso wam nawe awusoze uphele.