10. Siphinde sathi: “Ndokunika abantwana abangenakubalwa mntu ngenxa yobuninzi babo.”
11. Isithunywa sikaNdikhoyo saqokela sathi:“Ukhulelwe nje uza kuzala inkwenkwe.Uze uthi nguIshmayeli igama layo,kuba kaloku uNdikhoyo uyivile intlungu yakho.
12. Kodwa yena unyana wakho uya kuziphatha okweqwarha;uya kuchasa wonke ubani,angafunwa ngumntu wonke naye.Uya kuhlala elikheswa phakathi kwabantu bakowabo.”
13. UHagare wathi khumnqa, wathi ke ukumbiza loo Ndikhoyo ambonileyo nguThixo obonayo, kuba esithi: “Ngoku ndimbonile ondibonayo.”
14. Yiyo ke loo nto abantu bathi loo mthombo uphakathi kweKadeshe neBherede ngumthombo kaPhila-endibonile.