10. Weza nazo uAbram ezo zinto, wazahlula kubini, waza wazidwelisa, icala ngalinye lamelana nelinye. Iintaka zona akazange azahlule kubini.
11. Kwandanda amaxhalanga phezu kwaloo nyama yezo zinto, kodwa uAbram wawagxotha.
12. Ukutshona kwelanga wehliwa bobunzulu ubuthongo uAbram. Wangenwa luvalo naluloyiko.
13. UNdikhoyo wathi kuye: “Inzala yakho iya kuba ngabangeneleli kumhlaba wasemzini, uze uyazi loo nto. Apho baya kuba ngamakhoboka, baphathwe gadalala amakhulu amane eminyaka.
14. Kodwa ndosohlwaya eso sizwe sibaphethe kakubi; baya kuthi xa bemkayo apho bahambe namaxhoba.
15. Wena ke kambe uza kuhlala udle ubomi ude ukhokhobe, amathambo akho afihlwe ngakookhokho bakho.
16. Inzala yakho yobuyela apha emva kwezizukulwana ezine. Kaloku andiyi kuwakhupha kwangoku ama-Amori, bude buzaliseke ubugwenxa bawo.”
17. Kuthe kwakurhatyela, kwathi gqi imbiza iqhuma, nesikhuni esivuthayo, zadlula phakathi kwaloo mkrozo wenyama.
18. Waza ke uNdikhoyo wathi kuAbram esenza umnqophiso: “Ndiyathembisa ukuba wonke lo mhlaba, ukususela kwimida yeJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati, ndiza kuwunika inzala yakho,
19. ndawonye nomhlaba wamaKeni, amaKinazi, amaKadimon,
20. amaHeti, amaPerezi, namaRafa; ama-Amori, amaKanana, amaGirgashi, kunye namaJebhusi.”