9. Zaqubisana apho ezi kumkani zintlanu neekumkani ezine: ooKedor-lahomere wase-Elam, noTidali waseGoyi, noAmrafele waseBhabheli, noAriyoki wase-Elasare.
10. Kuloo ntili kwakukho imihadi enetha. Zithe xa zibalekayo edabini iikumkani zaseSodom naseGomora, amanye amajoni eyela kuloo mihadi. Asindileyo abalekela ezintabeni.
11. Iikumkani ezine zathimba yonke into eSodom naseGomora, zemka kunye nokutya.
12. ULothe unyana womninawa ka-Abram wayehlala eSodom, zamthimba kunye nempahla yakhe.
13. Kwabakho ndoda ithile yasindayo, eyabaleka yaya kuxelela uAbram umHebhere owayehlala ngakwimithi kaMamre umAmori. UMamre nabantakwabo uEshkoli noAnere babengamakholwane ka-Abram.
14. Akuva uAbram ukuba isizalwane sakhe sithinjiwe, wabiza onke amadoda akhe. Ayengamakhulu amathathu aneshumi elinesibhozo ewonke. Wazisukela zone ezo kumkani, wada waya kutsho kwaDan.
15. Wawahlula angamaqela ngamaqela amadoda akhe, wawuhlasela loo mkhosi kwakuhlwa. Wawoyisa, wawusukela waya kufika eHobha entla kweDamasko.