Eyemfuduko 9:5-22 Ibhayibhile (XHO96)

5. Le nto ke iya kwenzeka ngomso.’ ”

6. Ngengomso ke uNdikhoyo wenza njengoko wayethethile. Yonke imfuyo yamaJiputa yafa, kodwa kweyamaSirayeli zange kufe nob' ibe nye.

7. Ukumkani wathuma amadoda aye kukhangela ukuba kube njani na kwimfuyo yamaSirayeli, waza waxelelwa ukuba akufanga nale inye. Naxa kunjalo wankaniza, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli.

8. *UNdikhoyo wabiza uMosis noAron, wathi kubo: “Yikhani uthuthu ngezandla, nize niye kwakumkani, uMosis aluphose phezulu ukumkani ebukele.

9. Luya kuphephetheka njengothuli kulo lonke elaseJiputa. Luya kudala amathumba aya kubhidla abe zizilonda ebantwini nasezilwanyaneni kulo lonke elaseJiputa.”

10. Baluthatha ke uthuthu eziko, baya kwakumkani, waza uMosis waluphosa phezulu ekho nokumkani. Lwaphephetheka ke, lwaza lwadala amathumba asuka abhidla aba zizilonda ebantwini nasezilwanyaneni.

11. Ngenxa yamathumba abo abemilingo bona abazange babe nako ukumelana noMosis. Kaloku onke amaJiputa ayenamathumba.

12. Kambe ke uNdikhoyo, njengoko wayetshilo kwangaphambili, wamenza waneenkani ukumkani, akavuma ukuphulaphula ooMosis noAron.

13. *UNdikhoyo waphinda wathetha noMosis wathi: “Vuka kusasa ngomso, uye kukumkani, umxelele ukuba uNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthi: ‘Khulula abantu bam, baye kundikhonza.

14. Kwesi sihlandlo ndiya kukuhlabanisela ngezibetho, wena namaphakathi nabantu bakho, nitsho niqonde ukuba ehlabathini liphela akakho onjengam.

15. Ukuba bendithanda ngesendisolule isandla sam, ndanitshayela ngesibetho, nanyamalala emhlabeni.

16. Kodwa ke ndisaniyekile, kuba ndifuna ukunibonisa ubungangamsha bam, luze luthi nodumo lwam lunwenwe ehlabathini liphela.

17. Njengokuba usazingca nje, ungavumi ukubakhulula abantu bam,

18. uyabona ke, ngomso ngeli xesha ndiya kuthumela isitshu sesichoto esingazanga sabonwa nanini na ezimbalini zeJiputa.

19. Ngoko ke thumela iye kuqokelelwa yonke imfuyo yakho, ivalelwe, khon' ukuze isinde. Kaloku ukufika kwaso yonke into ephandle, umntu kwanesilwanyana, iya kutshabalala.’ ”

20. Ke kaloku loo maphakathi kakumkani ayenevuso ngenxa yomlomo kaNdikhoyo, athumela amakhoboka, yaqokelelwa imfuyo yawo, yavalelwa.

21. Kambe ke lawo angazange alikhathalele ilizwi likaNdikhoyo awayeka emadlelweni amakhoboka kunye nemfuyo yawo.

22. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Phakamisela isandla sakho esibhakabhakeni, ukuze kuwe isichotho kulo lonke elaseJiputa, sibethe abantu, izilwanyana, nako konke okuntshula emhlabeni.”

Eyemfuduko 9