Baluthatha ke uthuthu eziko, baya kwakumkani, waza uMosis waluphosa phezulu ekho nokumkani. Lwaphephetheka ke, lwaza lwadala amathumba asuka abhidla aba zizilonda ebantwini nasezilwanyaneni.