18. Umkhusane wesango lenkundla wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule, liyile mibala: ozuba, omsobo, obomvu, wawaqhoqhonya wawahombisa ngobunono. Umkhusane wawuziimitha ezilithoba ubude, zimbini ukuphakama, kwanjengalowo wenkundla.
19. Lalixhaswe ziintsika ezine, zimi ngeziseko ezikwazine zobhedu. Iintloko zeentsika wazityabeka ngesiliva, futhi namahaki nemiqadi wayenza kwangayo.
20. Zonke izikhonkwane zesibingelelo ndawonye nenkundla jikelele wazenza ngobhedu.
21. Nabu ubungakanani bezinto ezasetyenziswayo ekwakhiweni *kwesibingelelo apho kwakuhlala khona amacwecwe amabini amatye ekwakubhalwe kuwo imithetho elishumi. Uludwe olu lwagunyaziswa nguMosis, lwenziwa ngabaLevi, bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.
22. UBhezaleli unyana kaUri, umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, wenza yonke into ngokomyalelo *kaNdikhoyo.
23. Ugxa wakhe uHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki, wendlu kaDan, wayengumkroli nomyili, engumluki wamalaphu asontwe ngobugcisa: azuba, amsobo, nabomvu.
24. Iyonke igolide eyanikelwa kuNdikhoyo ngenjongo yokwakha isibingelelo yayiliwaka leekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo ovunyiweyo.
25. Yona isiliva yomnikelo wababaliweyo yayingamawaka amathathu, makhulu omane anamashumi amathathu eekhilogram ubunzima.
26. Le mali ke ngumrhumo owakhutshwa ngabo bonke abantu ababalwayo, bekhupha ngokomlinganiselo omisiweyo. Inani lamadoda abalwayo angaphezu kwamashumi amabini ubudala ayengamakhulu mathandathu nantathu amawaka, makhulu mahlanu, mashumi omahlanu.
27. Kule siliva ke amawaka amathathu anamakhulu amane eekhilogram asetyenziswa ekwakheni ikhulu leziseko zesibingelelo nomkhusane. Iikhilogram ezingamashumi amathathu anane zaba zezesiseko ngasinye.
28. Ke wona amashumi amathathu eekhilogram aseleyo esiliva uBhezaleli wenza ngawo imiqadi, amahaki eentsika, nokutyatyekwa kweentloko zazo.
29. Ubhedu olwanikelwayo kuNdikhoyo lwaluziikhilogram ezimawaka mabini, makhulu omane, namashumi amabini anantlanu.
30. Ngalo ke wenza iziseko zesango lesibingelelo, iqonga nesisefu salo, nazo zonke izixhobo zeqonga,
31. iziseko zenkundla jikelele, kunye nesango layo, ngokunjalo nezikhonkwane zesibingelelo nenkundla.