12. Ngokunjalo wayenzela ungqameko oluyijikelezileyo, lungangesandla ububanzi, waza waluphetha ngegolide jikelele.
13. Wayifakela amakhonkco amane, enziwe ngegolide, wawanxibelela ezikoneni zone apho imilenze yayifakelwe khona.
14. La makhonkco okungena imiqobo yokuphatha wawenza alungelelana nongqameko olo.
15. Ke yona imiqobo leyo wayenza ngomngampunzi, wayityabeka ngegolide.
16. Itafile leyo wayenzela izitya ngegolide: iipleyiti, iikomityi, iindebe, nezitya zokwenza idini lewayini.
17. Wathatha igolide ecwengileyo, wenza isibane. Amazantsi kunye nesiqu saso wasibumba ngegolide naso. Wasenzela izihombiso ngeentyatyambo, imidumba, namagqabi eentyatyambo; zonke ke zaba yinto enye nesibane eso.
18. Kwalapho kuso wanxibelela amasebe aso: amathathu ngapha nangapha.
19. La masebe mathandathu aphuma esiqwini sesibane wawahombisa ngeentyatyambo zealmondi, nangemidumba, nangamagqabi eentyatyambo.
20. Nesiqu sesibane wasihombisa ngeentyatyambo ezine zealmondi, wasivathisa ngemidumba namagqabi eentyatyambo.
21. Onke amasebe lawo wawasekela ngomdumba.
22. Imidumba namasebe lawo, ngokunjalo nesibane siphela, zazenzwe ngegolide ecwengileyo, kuyinto enye nje.
23. Esi sibane ke uBhezaleli wasenza ngohlobo lokuba sibe zizibane ezisixhenxe. Umcephe wokusicima ngokunjalo nezithetyana zaso wazenza ngegolide.
24. Ekwenzeni esi sibane ngokunjalo nobuxhaka-xhaka baso wasebenzisa igolide eziikhilogram ezingamashumi amathathu nantlanu ubunzima.
25. UBhezaleli wathatha umngampunzi, wenza iqonga lesiqhumiso. Amacala alo wawenza alingana, aziisentimitha ezingamashumi mane nantlanu, zangamashumi alithoba ukuphakama. Iimpondo zalo zazintwinye nalo.
26. Eli qonga lonke walityabeka ngegolide: umphezulu, amacala, neempondo; futhi waliphetha kwangegolide jikelele.
27. Walenzela amakhonkco amabini ngegolide. Wawanxibelela apha phantsi komphetho macala, khon' ukuze apho kuwo kungene imiqobo yokuphatha.