11. Ke yena uNdikhoyo wayeye athethe noMosis ubuso ngobuso, njengaye nabani na othetha nomhlobo wakhe. UMosis ke wayesithi akugqiba agoduke, kodwa yena uYoshuwa umfana olihlakani lakhe, unyana kaNune, wayesala apho ententeni yokuhlangana.
12. UMosis wathetha *noNdikhoyo, wathi: “Kaloku undiyalele ukuba ndikhokele aba bantu, ndibase kwelo lizwe, kodwa akutshongo ukuba kolu hambo ndokhatshwa ngubani na. Ewe, utshilo nokuthi: ‘Ndikwazi ngokupheleleyo; kwaye futhi ndikholisekile nguwe.’
13. Ngoko ke, xa kunjalo, ndazise intando yakho, ukuze ndikwazi, ndihlale ndikholisekile kuwe. Kwakhona khumbula ukuba olu hlanga ngabantu bakho ncakasana.”
14. UNdikhoyo waphendula wathi: “Hayi kaloku, ndiza kuhamba nani ngenkqu, ndinithi jize ngokuphumla.”
15. Ke yena uMosis waleka ngelithi: “Ukuba akuhambi nathi, sukuba sasindulula simke apha.