Ke yena uNdikhoyo wayeye athethe noMosis ubuso ngobuso, njengaye nabani na othetha nomhlobo wakhe. UMosis ke wayesithi akugqiba agoduke, kodwa yena uYoshuwa umfana olihlakani lakhe, unyana kaNune, wayesala apho ententeni yokuhlangana.