Eyemfuduko 32:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kambe ke uMosis watarhuzisa kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Awu, *Mhlekazi, ungathini kaloku ukusuka ulwe kanjalo nabantu bakho owabahlangula wabakhulula ngobungaka bona ubungangamsha kwelaseJiputa?

12. Xa kunjalo amaJiputa angatsho ngakhona athi: ‘UThixo wamaSirayeli wawakhupha eJiputa eneenjongo zokuwatshabalalisela ezintabeni, awatshayele angabikho ehlabathini.’ Awu, ndiyakubongoza, Mhlekazi, lala ngenxeba, uxole, ungabi sabahlisela le ntlekele abantu bakho.

13. Khawukhumbule izicaka zakho, uAbraham, uIsake, noSirayeli. Kaloku wazifunga kwawena siqu, usithi: ‘Inzala yenu ndiya kuyandisa, ibe ninzi njengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni. Eli lizwe ndinithembise ngalo liya kuba lilifa lezizukulwana zenu ngonaphakade.’ ”

14. Ngenene ke *uNdikhoyo wabuya nganeno kuloo ntlekele wayethe uza kubahlisela yona abantu bakhe.

15. UMosis ke wehla apho entabeni, ewaphethe loo macwecwe mabini amatye abhalwe ubungqina bomnqophiso macal' omabini.

16. La macwecwe ke ayengumsebenzi kaThixo ncakasana, nombhalo lowo wawukrolwe nguye ngenkqu.

Eyemfuduko 32