Eyemfuduko 32:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. AmaSirayeli akubona ukuba uMosis akabuyi entabeni, asuka amgungela uAron, athi: “Senzele *uthixo oza kusikhokela. Okokwakhe yena laa Mosis wasikhupha eJiputa, asiyazi into emhleleyo.”

2. UAron wayalela ukuba bathathe amacici ebafazini, koonyana, nasezintombini zabo, beze nawo kuye.

3. Bawakhulula ke amacici lawo, beza nawo kuAron.

4. Wawathatha ke, wawanyibilikisa, waza igolide leyo enziwe ngayo wayibumba ngezixhobo zokubumba, wenza inkunzana yenkomo ngayo. AmaSirayeli ke athi: “Sirayeli, nanku uThixo wakho owakukhupha eJiputa!”

5. Akuyibona le nto uAron wakha iqonga lamadini apho phambi kwaloo nkunzana yenkomo, waza wenza isaziso esithi: “Ngomso kobhiyozelwa uNdikhoyo.”

6. Kwangentseni ngomhla olandelayo benza amadini atshiswayo kwanatyiwayo. Ke kaloku abo bantu batya, basela, bahakaza, bada barheletya.

7. *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Khawuleza uhle! Aba bantu bakho wabakhupha eJiputa babhatyazile;

8. sebekhawuleze bawushiya umyalelo endabanika wona. Ngoku bazibumbele inkunzana yenkomo, bayinqula; futhi banikela amadini kuyo. Bathi: ‘MaSirayeli, lo nguThixo wethu owasikhupha eJiputa.’ ”

9. UNdikhoyo waqhuba wathi: “Ngoku ndiyabaqonda aba bantu inkani yabo – nqwa neyesele!

10. Ngoko ke wena ndiyeke, kuba ndiza kubacim' igama, wena ndikwenze ube sisizwe esikhulu.”

11. Kambe ke uMosis watarhuzisa kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Awu, *Mhlekazi, ungathini kaloku ukusuka ulwe kanjalo nabantu bakho owabahlangula wabakhulula ngobungaka bona ubungangamsha kwelaseJiputa?

Eyemfuduko 32