5. UAron ke makanxibe ezobubingeleli: ihempe, *isidanga, umnweba, isikhuselo-sifuba, nebhanti;
6. umthwalise iqhiya, ulebele ngelaa cwecwe libhalwe ukuthi: ‘*OkaNdikhoyo pheleleyo.’
7. Wakukhov' ukwenjenjalo ke, mthi jize ngamafutha entloko, umthambise.
8. “Thatha oonyana bakhe, ubafake iminweba;
9. bafake imixwayo, bathwale iminqwazi yabo. Le ke yindlela oya kummisela ngayo uAron noonyana bakhe; ububingeleli iya kuba ngummiselo wabo nanini nanini.
10. “Uze uthathe inkunzi yenkomo, uze nayo ngasesangweni lesibingelelo. UAron noonyana bakhe mababeke izandla zabo phezu kwentloko yayo.