Eyemfuduko 29:20-24 Ibhayibhile (XHO96)

20. Yixhele, uthathe kwigazi layo, uqabe isithinzi sendlebe yasekunene kuAron nakoonyana bakhe. Kwakhona qaba oobhontsi babo basekunene ezandleni, ngokunjalo noobhontsi basekunene beenyawo zabo. Igazi eliseleyo ke lisarhaze macal' onke apho kwiqonga lamadini.

21. Thatha kwigazi elilapho phezu kweqonga lamadini, ndawonye neoyile yokuthambisa, ufefe uAron noonyana bakhe ndawonye neempahla zabo. Xa bebonke ke, ngokunjalo neempahla zabo, baya kumiselwa banikezelwe emsebenzini wam.

22. “Thatha amanqatha enkunzi yegusha leyo ke, iketelele lomsila, umhlehlo, inxalenye yesibindi, izintso zombini, ndawonye namanqatha azo, nomlenze wasekunene.

23. Phaya ebhaskitini caphula kwiintlobo zonke: isonka, iqebengwana, nomqathane.

24. Zibeke ezandleni zika-Aron noonyana bakhe, baziwangawangise, bandenzele ngazo umnikelo owodwa.

Eyemfuduko 29