15. Kanti ke ukuba ebekho umniniyo, umbolekwa lowo akanakude ayihlawule. Phofu ke ukuba ibiqeshiwe kohlawulwa imali yengqesho yodwa.”
16. “Xa umntu one intombi nto engekabonwa lisoka, makayilobole batshate.
17. Ukanti ke xa uyise wayo engavumi ukuyendisela kuye, makakhuphe intlawulo elingana nekhazi lentombi.
18. “Ke lona igqwirha malibulawe.
19. “Umntu olala nesilwanyana makabulawe.
20. “Umntu obingelela nakwisiphi na *isithixo ngaphandle *kukaNdikhoyo makagwetyelwe ukufa.
21. “Ningaze nimphathe kakubi nimcinezele umntu obhacele kwelakowenu. Kaloku nani ngokwenu naningababhaceli kwelaseJiputa.
22. Ningaze nimphathe kakubi umhlolokazi nenkedama.
23. Ukuba niyenzile loo nto, mna Ndikhoyo ndiya kusiva isikhalo sabo,
24. ndikhathazeke, nina ndiniyekele nife emfazweni, ukuze abafazi benu babe ngabahlolokazi, abantwana bona babe ziinkedama.
25. “Xa uboleke omnye kubantu bam abahlelelekileyo imali, mayingabi ngathi ùngumbolekisi-mali; ngoko ke sukumbiza nzala.
26. Ukuba ke umntu úbambise ngengubo yakhe kuwe, ze uyibuyisele kwakuye lingekatshoni ilanga,
27. kuba kaloku yena kuphela kwesambatho anaso sokumfudumeza. Kakade ke ùthi úya kulala ngani? Ukuba ke úthe wakhala kum, ndiya kumphendula, kuba kaloku mna ndinovelwano.
28. “UThixo ungaze umnyelise; ngokunjalo ungayithuki nenkokheli yesizwe sakho.