Eyemfuduko 21:5-18 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kodwa ke xa lithe ngokuphandle: ‘Hayi, ndiyakholwa yinkosi yam, ndiyamthanda nomkam, ngokunjalo nabantwana bam, ngoko ke ndikhetha ukungakhululeki,’

6. inkosi yalo ke iya kulithatha ilise *esibingelelweni phambi kukaThixo; apho ke iya kulayamisa elucangweni okanye emgubasini, ize iligqobhoze indlebe ngenyatyhoba. Yakuba ilenjenjalo ke, liya kuba ngumkhonzi wayo bonke ubomi balo.

7. “Xa umntu ethengise intombi yakhe yalikhoboka, yona ayinakukhululeka okwekhoboka eliyindoda.

8. Ukuba indoda leyo ibiyithengile ukuba ibe ngumfazi wayo, ize ithi kamva inganeliseki yiyo, kufuneka ivumele abantu bakowayo ukuba bayikhulule ngokuyithenga. Akuvumelekanga ukuba isuke iyithengise kwabasemzini; kaloku izaphule izigqibo.

9. Ukuba iyithengele unyana wayo, mayiyiphathe njengentombi yayo.

10. Xa indoda ithatha umfazi wesibini, mayingayeki ukumondla nokumnxiba nokumenza umfazi lo wokuqala.

11. Ukuba ayiwafezi la malungelo mayimkhulule angahlawulelwa.”

12. “Umntu obethe omnye wamenzakalisa wafa, makabulawe.

13. Kodwa ke ukuba umbulele ngengozi, makabalekele endaweni endiyimisele abasabi.

14. Kambe ke yena umntu obulele omnye ngolunya, nokuba angade abalekele eqongeni lamadini, makasuswe apho abulawe.

15. “Umntu ohlasela uyise nokuba ngunina, makabulawe.

16. “Umntu oqweqwedisa omnye aze amthengise okanye abanjwe esenaye, makabulawe.

17. “Umntu othuka uyise nokuba ngunina, makabulawe.

18. “Ukuba amadoda amabini axabene, yaza enye yabetha ngelitye okanye ngenqindi yayenzakalisa leyo ibisilwa nayo, kwaza kwafuneka ukuba khe ilale ngandletyana-nye,

Eyemfuduko 21