1. “Nantsi ke imimiselo oya kuyinika amaSirayeli:
2. Umntu othe wathenga ikhoboka elingumHebhere liya kumkhonza iminyaka ibe mithandathu, lize ngowesixhenxe likhululwe lingahlawulelwanga nto.
3. Ukuba langena ebukhobokeni lilisoka, liya kumka lilodwa. Kanti ke ukuba langena ebukhobokeni linomfazi, liya kukhululeka kunye naye.
4. Xa lifike lingenamfazi, yaza inkosi yalo yalinika umfazi, waza wazala abantwana, abo bantwana nalo mfazi ngabenkosi yalo; xa likhululekayo liya kubashiya apho.
5. Kodwa ke xa lithe ngokuphandle: ‘Hayi, ndiyakholwa yinkosi yam, ndiyamthanda nomkam, ngokunjalo nabantwana bam, ngoko ke ndikhetha ukungakhululeki,’