Eyemfuduko 20:7-20 Ibhayibhile (XHO96)

7. “Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.

8. “Hlala uwukhumbula *uMhla wokuPhumla, uwugcine ulusuku olulodwa lukaNdikhoyo.

9. Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho.

10. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu.

11. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla.

12. “Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

13. “Musa ukuba sisibulala-mntu.

14. “Musa ukukrexeza.

15. “Musa ukûba.

16. “Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu.

17. “Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.”

18. Athi ke amaSirayeli akuziva iindudumo, nokuhlokoma kwexilongo, akubona nemibane itshawuza, nentaba ilitsili ngumsi, suka angcangcazela kukoyika, angcachela phaya.

19. Abhekisa kuMosis, athi: “Mayibe nguwe othetha nathi; siya kukuva. Mayingabi nguThixo ngokwakhe othetha nathi, hleze sife.”

20. UMosis wathi ebantwini: “Sanukoyika, kuba uThixo uyanivavanya nje, khon' ukuze nihlale nimhlonele, ningawexulwa kukona.”

Eyemfuduko 20