8. UMosis waqhuba wathi: “UNdikhoyo uza kunipha inyama, nitye ngokuhlwa, kanti nakusasa uza kunipha isonka, nitye nihluthe, kuba uzivile izikrokro zenu enimkhalazela ngazo. Kakade ke besingoobani thina? Hayi bo! Anikrokreli thina, nikrokrela uNdikhoyo!”
9. UMosis wayalela uAron ukuba axelele amaSirayeli aphume aye kubonana noNdikhoyo njengoko ezivile izikhalazo zawo.
10. Esathetha nje uAron, athe amaSirayeli akukhangela ngasentlango abubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bubengezela efini.
11. Wathi ke uNdikhoyo kuMosis:
12. “Xelela amaSirayeli ukuba ndizivile izikhalazo zawo; ngoko ke ngokuhlwa ndiya kuwanika inyama atye, ndize ngentsasa elandelayo ndiwaphe intaphane yesonka, khon' ukuze andiqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”
13. Kwathi ke ngongcwalazi kwagaleleka igquba lwezagwityi, lwathi khakhalala kuyo yonke loo ndawo ayemise kuyo amaSirayeli. Kanti ke ngengomso kwasa kulele umbethe.
14. Kuthe ke wakuvuthuluka umbethe lowo kwasala uqweqwe olungathi yiqabaka, lwawambathisa umhlaba.
15. AmaSirayeli athe akuyibona le nto angayaziyo, abuzana athi: “Yintoni le?”UMosis ke wathi kuwo: “Oku kukutya enikuphiwa nguNdikhoyo.
16. Uthe umntu ngamnye kuni makathathe kangangesisu sakhe. Lowo uthathela umzi wonke wolinganisela ukuba umntu ngamnye afumane iilitha ezimbini.”
17. Ke kaloku amaSirayeli enza ngokomyalelo lowo, abanye bathatha kakhulu, baza bambi bathatha kancinci.
18. Kodwa ke athe akukufaka emlinganisweni ukutya oko afumanisa ukuba othathe kakhulu akagqithisanga, kanti ke nothathe kancinci akalambathi. Umntu ngamnye wathatha ngokwentswelo yakhe.