23. owathi yena kuzo: “UNdikhoyo usiyale wathi ngomso ngumhla owodwa wokuphumla, lusuku oluphawulelwe yena. Ngoko ke bhakani namhlanje xa nifuna, futhi nipheke kwanamhlanje, okuseleyo ke nikugcinele ingomso.”
24. Okuseleyo ke bakugcinela ingomso ngokokutsho kukaMosis. Kona ke zange konakale.
25. UMosis ke wathi kubo: “Yityani namhlanje, kuba olu lusuku lokuphumla oluphawulelwe uNdikhoyo; ngalo aniyi kukufumana ukutya phandle phaya.
26. Oku kutya ningakuqokelela iintsuku zibe ntandathu, kodwa ke ngolwesixhenxe *nguMhla wokuPhumla; ngawo ke akukho.”
27. Kambe ke nangoMhla wokuPhumla bambi abantu baphuma baya kufuna ukutya, nto nje abakufumananga.
28. UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Koda kube nini ningandithobeli, bantundini?
29. Kaloku ndaninika uMhla wokuPhumla; kungenxa yaloo nto ke ndininika ukutya kweentsuku ezimbini nje ngomhla owandulela owokuphumla. NgoMhla wokuPhumla wonke umntu makangenzi nto, angaphumi ekhaya.”
30. Ngenene ke abantu baphumla ngoMhla wokuPhumla.
31. Oku kutya ke amaSirayeli akuthiya igama athi yimana. Yona ke yayifana nembewu yekoriyanda imhlophe, emlonyeni ingathi ngamaqebengwana enziwe ngobusi.
32. UMosis wabaxelela umyalelo kaNdikhoyo, wathi: “UNdikhoyo uthe: ‘Thathani iilitha zibe mbini zemana, nizigcinele izizukulwana ezizayo, ukuze nazo zikubone ukutya endanondla ngako entlango ukunikhupha kwam eJiputa.’ ”
33. UMosis wayalela uAron wathi makathathe iilitha zibe mbini zemana, azifake engqayini, azibeke *esibingelelweni phambi koNdikhoyo, ibe nokubonwa nazizizukulwana ezizayo.
34. Ngokomyalelo kaNdikhoyo ke uAron wayithatha, wayibeka kwityesi yomnqophiso, ukuze igcinakale.
35. Ke kaloku yaba yiminyaka emashumi mane amaSirayeli esitya imana leyo, ada afika eKanana, apho ema khona.
36. (Umlinganiselo ovunyiweyo ke waloo maxesha wawuyiefa, engangamashumi amabini eelitha. Isishumi sayo yayiyioma, engangeelitha ezimbini.)