Eyemfuduko 16:16-21 Ibhayibhile (XHO96)

16. Uthe umntu ngamnye kuni makathathe kangangesisu sakhe. Lowo uthathela umzi wonke wolinganisela ukuba umntu ngamnye afumane iilitha ezimbini.”

17. Ke kaloku amaSirayeli enza ngokomyalelo lowo, abanye bathatha kakhulu, baza bambi bathatha kancinci.

18. Kodwa ke athe akukufaka emlinganisweni ukutya oko afumanisa ukuba othathe kakhulu akagqithisanga, kanti ke nothathe kancinci akalambathi. Umntu ngamnye wathatha ngokwentswelo yakhe.

19. UMosis wayalela ukuba kungabikho mntu ushiya mbeko.

20. Kambe ke abanye abamphulaphulanga bakubeka. Ngengomso ke kwasa kubolile kuneempethu, waza ke uMosis wakhathazeka.

21. Ngazo zonke iintsasa babethatha kangangezisu zabo. Kwakusithi ke lakuba shushu ilanga kunyibilike kuphele oko kutya kwabo.

Eyemfuduko 16