14. Kuthe ke wakuvuthuluka umbethe lowo kwasala uqweqwe olungathi yiqabaka, lwawambathisa umhlaba.
15. AmaSirayeli athe akuyibona le nto angayaziyo, abuzana athi: “Yintoni le?”UMosis ke wathi kuwo: “Oku kukutya enikuphiwa nguNdikhoyo.
16. Uthe umntu ngamnye kuni makathathe kangangesisu sakhe. Lowo uthathela umzi wonke wolinganisela ukuba umntu ngamnye afumane iilitha ezimbini.”
17. Ke kaloku amaSirayeli enza ngokomyalelo lowo, abanye bathatha kakhulu, baza bambi bathatha kancinci.
18. Kodwa ke athe akukufaka emlinganisweni ukutya oko afumanisa ukuba othathe kakhulu akagqithisanga, kanti ke nothathe kancinci akalambathi. Umntu ngamnye wathatha ngokwentswelo yakhe.
19. UMosis wayalela ukuba kungabikho mntu ushiya mbeko.
20. Kambe ke abanye abamphulaphulanga bakubeka. Ngengomso ke kwasa kubolile kuneempethu, waza ke uMosis wakhathazeka.