10. Esathetha nje uAron, athe amaSirayeli akukhangela ngasentlango abubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bubengezela efini.
11. Wathi ke uNdikhoyo kuMosis:
12. “Xelela amaSirayeli ukuba ndizivile izikhalazo zawo; ngoko ke ngokuhlwa ndiya kuwanika inyama atye, ndize ngentsasa elandelayo ndiwaphe intaphane yesonka, khon' ukuze andiqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”
13. Kwathi ke ngongcwalazi kwagaleleka igquba lwezagwityi, lwathi khakhalala kuyo yonke loo ndawo ayemise kuyo amaSirayeli. Kanti ke ngengomso kwasa kulele umbethe.
14. Kuthe ke wakuvuthuluka umbethe lowo kwasala uqweqwe olungathi yiqabaka, lwawambathisa umhlaba.
15. AmaSirayeli athe akuyibona le nto angayaziyo, abuzana athi: “Yintoni le?”UMosis ke wathi kuwo: “Oku kukutya enikuphiwa nguNdikhoyo.