4. Umkhosi wamaJiputa neenqwelo zawowasuka waziphos' elwandle;iingqwayi-ngqwayi zomkhosi ezinamagamauzigubungele ngoLwandl' oluBomvu.
5. Ngoku zambathiswe yinzonzobila;suka zazika ngathi lilitye.
6. “Hayi kamb' isandla sakho, Ndikhoyo,yingwanyalal' etshatsheleyo!Ewe, isandla sakho, wena Ndikhoyo,siyaluvikiva utshaba lwakho.
7. Ngangamsh' engatshonelwa langa,ezikhahlela phants' izibhoja;umavulel' umsindo ozayo,uzithi lenye ngathi kutsh' ingca!
8. Ngokuphefumla kwakho nje qhasuka ulwandle lwaba ziingqimba,amanzi asuka aba ludonga,inzonzobila yolwandle yakhenkceza.
9. Utshaba lwathi:‘Mandisukele ndibabambe.Ndiya kuxhaphaz' amaxhoba, ndizanelise.Ndiya kuxhoba ndif' amacala,nditshayele nditshabalalise ngekrele.’
10. Suka ke uNdikhoyo wafutha,kwaba kanye antywiliseleka amaJiputa.Ewe, azika nywam emanzini,kwanga kukweyela kwesinyithi.