Eyemfuduko 15:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwesi sithuba ke uMosis namaSirayeli bahlabela le ngoma, bedumisa *uNdikhoyo:“Ndosuka ndintyiloze ndiculele uNdikhoyo;kaloku yena woyise wada watshatshela.Ihashe ngokunjalo nophezu kwaloulintywilisele phakath' elwandle.

2. UNdikhoyo yinqaba negwijo lam;ndinje-nje-nje ndisindiswe nguye.Nanko ke uThixo wam, ndiyamdumisa;nguThixo woobawo, ndotshila ngaye.

3. “*UMhlekazi yena ulijoni;igama lakhe *nguNdikhoyo.

4. Umkhosi wamaJiputa neenqwelo zawowasuka waziphos' elwandle;iingqwayi-ngqwayi zomkhosi ezinamagamauzigubungele ngoLwandl' oluBomvu.

5. Ngoku zambathiswe yinzonzobila;suka zazika ngathi lilitye.

6. “Hayi kamb' isandla sakho, Ndikhoyo,yingwanyalal' etshatsheleyo!Ewe, isandla sakho, wena Ndikhoyo,siyaluvikiva utshaba lwakho.

7. Ngangamsh' engatshonelwa langa,ezikhahlela phants' izibhoja;umavulel' umsindo ozayo,uzithi lenye ngathi kutsh' ingca!

Eyemfuduko 15