Eyemfuduko 12:9-13 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ningakhe nilinge niyitye iluhlaza, okanye iphekiwe. Mayosiwe xa iyonke; nditsho nentloko namanqina nezibilini.

10. Le nyama ke ize ingabekelwa ingomso. Xa kwenzekile yasala, ize itshiswe ngomlilo kusasa.

11. Uyabona ke ze nenjenje: Yityeni seningxamele ukuhamba; nifinyezile, iimbadada zisezinyaweni, induku isesandleni. Kaloku esi sisidlo sePasika kaNdikhoyo.

12. “Kanye ngobo busuku ndiya kulityhutyha elaseJiputa, ndihambe ndiwabulala onke amazibulo, ndiqalele kwawabantu, ndiyokutsho nakwawemfuyo. Mna Ndikhoyo ndiya kuba ngumgwebi phezu *koothixo bamaJiputa.

13. Izindlu enikuzo ndiya kuzibona ngegazi; lona loba ngumqondiso endininika wona. Ndiya kuthi ndakubona igazi ndigqithe, angafiki kuni ubhubhani xa nditshabalalisa amaJiputa.

Eyemfuduko 12