Eyemfuduko 10:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Yiya kwakumkani. Kaloku yena namaphakathi akhe ndibaqaqadekisile, ukuze ndifumane ithuba lokwenza le miqondiso phakathi kwabo,

2. nokuze nibe nako ukubalisela abantwana nabazukulwana benu. Niya kubanika ingcombolo yendlela endabonisa ngayo ubungangamsha bam kumaJiputa, nangemiqondiso endiyenzileyo phakathi kwawo, khon' ukuze nani niqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”

3. UMosis noAron ke baya kwakumkani, bathi kuye: “UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthi: ‘Koda kube nini ungavumi ukuzithoba kum? Khawubakhulule abantu bam, baye kundikhonza.

4. Ukuba uyala, ngomso ndiza kuthumela iinkumbi emhlabeni wakho.

5. Ziya kuba yinyambalala eya kuwugquma tu umhlaba wakho xa uwonke. Yonke into esinde kwesiya sichotho ziya kuyinqunqutha iphele tu! Nditsho nomthi lo wembala.

6. Ziya kunyakazela ezindlwini zakho, kwezamaphakathi, nakuzo zonke izindlu zamaJiputa. Lowo iya kuba ngumbono ongazange walanywa ngooyihlo ngokunjalo nooyihlo-mkhulu ezimbalini zeli lizwe.’ ” Akuba etshilo waphuma, wemka kwakumkani.

7. Amaphakathi kakumkani abhekisa kuye athi: “Yaz'ba kode kube nini na lo mfo elukhwembe-khwembe kuthi? Nceda, khulula aba bantu baye kukhonza uNdikhoyo uThixo wabo. Ngaba awukaqondi ukuba iJiputa itshabalele?”

Eyemfuduko 10