Eyasentlango 8:6-20 Ibhayibhile (XHO96)

6. ukuba abakhethe abaLevi kumaSirayeli, abahlambulule

7. ngolu hlobo: “Bafefe ngamanzi okuhlambulula, utsho bachebe babususe bonke uboya emizimbeni, bazihlambe neempahla zabo. Bakuba benjenjalo ke baya kuhlambuluka.

8. Emva koko ke mabathathe inkunzana yenkomo, baphathe nomgubo onamafutha ukulungiselela ukwenza idini leenkozo; uze futhi uthathe enye inkunzi yenkomo yokwenza umnikelo wesono.

9. Qokelela ibandla lamaSirayeli ephela, uze bona abaLevi ubemise phambi *kwesibingelelo.

10. AmaSirayeli ke aya kubeka izandla zawo phezu kweentloko zabaLevi.

11. Ke uAron uya kusuka abanikezele abaLevi abo kum, babe ngumnikelo owanga-wangiswayo ovela kumaSirayeli, ukuze bawufanele umsebenzi wam.

12. AbaLevi ke baya kubeka izandla phezu kwezaa nkunzi zimbini. Enye yazo yeyedini lesono, kanti ke enye yeyedini elitshiswayo, khon' ukuze abaLevi bacanyagushelwe.”

13. UNdikhoyo waqhuba wathi: “AbaLevi mababe ngumnikelo owanga-wangiswayo, baze bonganyelwe nguAron noonyana bakhe.

14. Ngale ndlela ke bakhethe abaLevi kumaSirayeli, babe libango lam.

15. Wakuba ke ubahlambulule, wabanikezela abaLevi, baya kukufanela ukubusa esibingelelweni.

16. Kuwo onke amaSirayeli abaLevi ngabam ncakasana, kuba ndibanga bona endaweni yoonyana bamazibulo bamaSirayeli.

17. Ukuwabulala kwam amazibulo amaJipta, ndazibekela bucala bonke oonyana bamazibulo bamaSirayeli, ngokunjalo namaduna angamazibulo emfuyo yawo.

18. Kambe ke ngoku ndibanga abaLevi endaweni yamazibulo amaSirayeli;

19. abaLevi aba ndiwabeka phantsi koAron noonyana bakhe, bangumnikelo wamaSirayeli esibingelelweni, khon' ukuze babuse bangxengxeze, amaSirayeli angehlelwa sisibetho ebesingawehlelayo xa asondele esibingelelweni.”

20. Ngoko ke uMosis noAron nalo lonke ibandla lamaSirayeli babamisela babanikezela abaLevi ngokomlomo kaNdikhoyo.

Eyasentlango 8