Eyasentlango 8:12-21 Ibhayibhile (XHO96)

12. AbaLevi ke baya kubeka izandla phezu kwezaa nkunzi zimbini. Enye yazo yeyedini lesono, kanti ke enye yeyedini elitshiswayo, khon' ukuze abaLevi bacanyagushelwe.”

13. UNdikhoyo waqhuba wathi: “AbaLevi mababe ngumnikelo owanga-wangiswayo, baze bonganyelwe nguAron noonyana bakhe.

14. Ngale ndlela ke bakhethe abaLevi kumaSirayeli, babe libango lam.

15. Wakuba ke ubahlambulule, wabanikezela abaLevi, baya kukufanela ukubusa esibingelelweni.

16. Kuwo onke amaSirayeli abaLevi ngabam ncakasana, kuba ndibanga bona endaweni yoonyana bamazibulo bamaSirayeli.

17. Ukuwabulala kwam amazibulo amaJipta, ndazibekela bucala bonke oonyana bamazibulo bamaSirayeli, ngokunjalo namaduna angamazibulo emfuyo yawo.

18. Kambe ke ngoku ndibanga abaLevi endaweni yamazibulo amaSirayeli;

19. abaLevi aba ndiwabeka phantsi koAron noonyana bakhe, bangumnikelo wamaSirayeli esibingelelweni, khon' ukuze babuse bangxengxeze, amaSirayeli angehlelwa sisibetho ebesingawehlelayo xa asondele esibingelelweni.”

20. Ngoko ke uMosis noAron nalo lonke ibandla lamaSirayeli babamisela babanikezela abaLevi ngokomlomo kaNdikhoyo.

21. AbaLevi bazicoca bahlamba neempahla zabo, waza ke uAron wabanikezela baba sisipho esiwanga-wangiswayo sikaNdikhoyo, waza wabahlambulula ngokuwacamagushela.

Eyasentlango 8