7. makayivume loo nto imbi ayenzileyo, akhuphe intlawulo ngokuzeleyo. Ngaphezu koko ke uya kukhupha nesiqingatha sesihlanu, naso asinike umntu lowo amonileyo.
8. Kambe ke ukuba umntu lowo akasekho, ibe ke kungekho nesalamane ekungahlawulwa kuso, kofuneka inikezelwe kuNdikhoyo, ibe yeyombingeleli. Le ntlawulo ke yongeza kulaa nkunzi yegusha kwenziwa ngayo idini lokucamagushela loo mntu unetyala.
9. Wonke umnikelo owodwa okhutshwa ngamaSirayeli, ewunikela kuNdikhoyo, unenxaxheba eyeyababingeleli.
10. Umnikelo wona ngowalowo unikelayo, kambe inxaxheba yeyababingeleli.”
11. *UNdikhoyo wathetha noMosis,
15. Nokuba kuyiyiphi na imeko, indoda leyo iya kumthatha umfazi lowo, iye naye kumbingeleli. Kananjalo iya kuphatha ikhilogram enye yomgubo werhasi oyimfanelo yedini; kambe ke ayiyi kuwugalela mafutha nasiqhumiso, kuba ulidini elikhutshwa yindoda enobukhwele, umnikelo wokuphanda inyaniso.
16. “Umbingeleli ke uya kumthatha umfazi lowo, ammise *esibingelelweni phambi koNdikhoyo.