Eyasentlango 5:22-31 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ngenene akwaba la manzi aya kusitsho isisu sakho sibe negalimoya, okanye uhlale uphuma isisu.’“Umfazi lowo ke uya kuphendula athi: ‘Makube njalo.’

23. “Umbingeleli ke uya kusibhala esi siqalekiso, aze aphinde awuhlambe umbhalo lowo, ungene kulaa ngqayi inamanzi akrakrayo.

24. Emva kokuba umbingeleli emseze umfazi lowo la manzi anokumenza aphathwe ngamahlaba,

25. uya kuthatha laa mgubo womnikelo usesandleni sakhe, awuwanga-wangise phambi koNdikhoyo, awubeke kwiqonga lamadini.

26. Uya kukha kuwo ngesandla atshise inxenye yawo apho eqongeni. Ekugqibeleni ke uya kuseza umfazi lowo awafince loo manzi.

27. Ukuba ke kuthe kanti ngenene umfazi lowo ukrexezile, amanzi lawo aya kumtsho abe namahlaba, abe negalimoya, okanye aphume isisu. Ewe, woba ngoqalekisiweyo phakathi kwamawabo.

28. Kambe ke, ukuba kuthe kanti umsulwa, akayi kwenzeka nto, futhi uya kuba nako ukufumana abantwana.

29-30. “Lo ke ngumthetho mayela nendoda enobukhwele, ekrokrela ukuba umfazi wayo uyakrexeza. Umfazi lowo uya kumiswa esibingelelweni phambi koNdikhoyo, umbingeleli ke awuqhube loo msebenzi.

31. Indoda ke yona iya kuba msulwa; kanti ke yena umfazi, ukuba ufumaniseke enetyala, uya kuvuna into abeyilimile.”

Eyasentlango 5